2 Kings 5:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yati: Ehleli nje uyehova, endimi pambi kwake, andiyi kwamkela nalinye! Waza wayiqu̔ba ukuba ilamkele; koko yalayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Ehleli nje uYehova, endimi phambi kwakhe, andiyi kuyamkela. Wamjoka, ukuba ayamkele; akavuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi yena, Ehleli nje uYehova, endimi phambi kwakhe, andiyi kukholiswa mntu. Wamjoka ukuba amamkele; akavuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke umshumayeli waphendula wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, lo ndimkhonzayo, andisayi kwamkela nento le!” Ewe, wala kwaphela, nakuba wazamayo ukumcenga uNahaman.