2 Kings 5:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Nahamane: Sekungayi kunikwa ke na kwisicaka sako umtwalo womhlaba olingana nowesibini samaqwaṙaṙa? ngokuba isicaka sako singayi kubuya senze idini lokutshiswa nombingelelo kotixo bambi, siya kwenza kuyehova kupela:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uNahaman, Umkhonzi wakho akangekhe anikwe na ke umhlaba ongumthwalo woondlebende ababini? Ngokuba umkhonzi wakho akasayi kuba senza dini linyukayo nambingelelo thixweni bambi; uya kwenza kuYehova yedwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uNahaman, Umkhonzi wakho akayi kunikwa yini na oondlebende ababini belizwe? ngokuba umkhonzi wakho akasayi kuba senza dini linyukayo nambingelelo thixweni bambi, ingenguYehova yedwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNahaman waqhuba wenjenje: “Xa ke ungavumi ke, nkosi yam, mna ke ndiyakubongoza, mna sicaka sakho, mandiphiwe umhlaba ongumthwalo olingene iimeyile ezimbini, kuba kaloku mna sicaka sakho andisoze ndiphinde nditshise madini, ndenze naminikelo kuthixo ongomnye ngaphandle koNdikhoyo.