2 Kings 5:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wanga uyehova angasixolela isicaka sako lento: xeshekweni inkosi yam iya kungena endlwini ka‐Rimone ukuzitoba kona, ize yayame pezu kwesandla sam, ndandule ndizitobe nam endlwini ka‐Rimone; xeshekweni ndiya kuzitoba endlwini ka‐Rimone, wanga uyehova angasixolela isicaka sako ngalento.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kule nto uYehova aze amxolele umkhonzi wakho: yakungena inkosi yam endlwini kaRimon, ukuba iqubude khona, yayame esandleni sam, nam ndaqubuda endlwini kaRimon: ekuqubudeni kwam ke endlwini kaRimon, aze uYehova amxolele umkhonzi wakho kuloo nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa kunjalo ke, uYehova uya kumxolela umkhonzi wakho, ukuba ithe yangena inkosi yam endlwini kaRimon ukuba ithandaze khona, yayama esandleni sam, nam ndoqubuda endlwini kaRimon; xa ndiqubuda endlwini kaRimon, aze uYehova amxolele umkhonzi wakho kulo mbandela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke uNdikhoyo makandixolele mna sicaka sakho, ngenxa yale ndawo: kaloku kuza kuthi xa inkosi yam ingena kwisibingelelo sikaRimon, isiya kunqula khona, ide ibambelele nakule ngalo yam, nam kofuneka ndikhahlele. Ewe, into endiyicelayo kukuba ndithi xa ndinqula apho esibingelelweni sikaRimon, uNdikhoyo andixolele mna sicaka sakho ngaloo nto.”