2 Kings 5:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Gehazi, isicaka sika‐Elisha indoda katixo: Bona ke, inkosi yam imyekile u‐Nahamane, lom‐Siriya, ukuba ingamkelanga esandleni sake oko wabesiza nako; kodwa, ehleli nje uyehova, ndiya kubaleka emva kwake, ndamkele intwana kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGehazi, umkhonzi kaElisha umfo wakwaThixo, Yabona, inkosi yam imyekile uNahaman umAram lo, ayayamkela esandleni sakhe into abeyizisile; ehleli nje uYehova, inene, ndiya kumsukela, ndithabathe intwana kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uGehazi, umkhonzi kaElisha, indoda kaTHIXO oyinyaniso, wathi: “Yabona, inkosi yam imyekile uNahaman umAram lo, ngokungakwamkelanga esandleni sakhe oko wayekuzisile; ehleli nje uYehova, ndiya kumsukela, ndithabathe okuthile kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uGehazi ihlakani likaElisha, umfo wakwaThixo, wathetha yedwa wathi: “Hayi khona, inkosi yam le ide yagabadela ukumlungiselela oku lo mAram unguNahaman. Ingathini ukude ingathathi nomrhumo aze nawo lo? Hayi, suka; ekho nje uNdikhoyo, ndiza kumsukela, ukuze ndibe nento endiyifumanayo kuye!”