2 Kings 5:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo u‐Gehazi wamputuma u‐Nahamane. Waza u‐Nahamane, akumbona ebaleka emva kwake, wahlika enqwelweni ukuya kumkaulela, wati: Kulungile na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGehazi wamphuthuma uNahaman. UNahaman wambona emsukela, wehla enqwelweni yakhe, eya kumkhawulela, wathi, Kuhle ntoni na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uGehazi wamlandela uNahaman. Wathi uNahaman akumbona ebaleka, wehla emotweni esiya kumkhawulela, wathi: “Uphilile na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waxhabasha ke uGehazi emva koNahaman. Uthe uNahaman akumbona ebaleka esiza ngakuye, suka wehla enqwelweni yakhe wamhlangabeza. Wabuza wathi: “Ngaba akukho nto yonakeleyo na kodwa?”