2 Kings 5:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Nahamane: Vuma, tabata italente zibe mbini. Wamqu̔ba ke, wabopa italente zesilivere zambini ezidleni zibini, nezivato zokuguqulelana zazibini, wazibeka pezu kwesibini sezicaka zake, ezatwala pambi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uNahaman, Makukholeke kuwe ukuthabatha zibe mbini iitalente. Wamjoka, wabopha iitalente zambini zesilivere ezingxoweni ezimbini, neengubo ezimbini zokukhululana, wanika abafana ababini; bathwala phambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uNahaman, Kwanele, thabatha zibe mbini iitalente. Wamjoka, wabeka iitalente zambini zesilivere ezingxoweni ezimbini, neengubo zangaphantsi ezimbini, wanika abakhonzi bakhe ababini; baza batwabulula phambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNahaman waphendula esithi: “Ewe, kukuwe; ungawafumana amawaka amathandathu esiliva.” Wacenga ke esithi uGehazi makawamkele, waza ke loo siliva wayifaka kwiingxowa ezimbini, wamnika nezo zambatho zibini zokutshintsha. Ke uNahaman loo mthwalo wawunikela kwizicaka ezibini, zamandulela uGehazi ziwuphethe.