2 Kings 5:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena wangena, wema pambi kwenkosi yake. Waza u‐Elisha wati kuye: Uvela pina, Gehazi? Wayesiti: Isicaka sako besingayanga nalapa napaya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya, wema phambi kwenkosi yakhe. Wathi uElisha kuye, Uvela phi na, Gehazi? Wathi, Ubengayanga ndawo umkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena, wema phambi kwenkosi yakhe. Wathi uElisha kuye, Uvela phi na, Gehazi? Wathi, Umkhonzi wakho lo akazanga ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kamva ke wangena waya kwinkosi yakhe uElisha. UElisha wabuza ke wathi: “Uvela phi na, Gehazi?” UGehazi waphendula wathi: “Hayi, nkosi yam, isicaka esi sakho asiveli ndawo!”