2 Kings 5:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako isilepero sika‐Nahamane sonamatela kuwe, nakuyo inzalo yako kude kube ngunapakade. Waza wapuma ebusweni bake elileperi, emhlope njengengqweqwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iqhenqa likaNahaman malinamathele kuwe nakwimbewu yakho ngonaphakade. Waphuma ebusweni bakhe eneqhenqa, emhlophe njengekhephu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iqhenqa likaNahaman liya kunamathela kuwe nakwimbewu yakho ngonaphakade; Waza wabushiya ubuso bakhe, buneqhenqa, bumhlophe njengekhephu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke iqhenqa likaNahaman liya kuthi nca kuwe nakwisizukulwana sakho naphakade.” Ewe, uGehazi wathi esimka apho kuElisha wayeseleneqhenqa, emhlophe qhwa oku kwephepha!