2 Kings 5:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, xeshekweni ukumkani wo‐Sirayeli abeleseshile incwadi, wandula waṙazula izivato zake, wati: Ndinguye utixo na ukufisa nokudlisa ubomi, ukuba lo utumile kum, ukuze ndipilise indoda kuso isilepero sayo? ngako oko gqalani ke, nibone okokuba uyafuna ituba ngakum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuyilesa ukumkani wakwaSirayeli incwadi, wazikrazula iingubo zakhe, esithi, NdinguThixo yini na, ukuba ndibulale, nokuba ndiphilise, ngokuba lo uthumele kum, ukuba ndiphilise indoda eqhenqeni layo. Khangelani ke, nibone, ukufuna kwakhe isizathu sokuxabana nam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayilesa ukumkani wakwaSirayeli incwadi, wazikrazula iingubo zakhe, wathi, NdinguThixo obulalayo, osindisayo, lo ubethumele kum ukuba ndiphilise indoda eqhenqeni layo ke ngoko, nikelani ingqalelo, nibone ukuba ufuna ukuya nam njani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke asakuyifunda loo leta ukumkani wakwaSirayeli, suka wazikrazula izambatho zakhe esithi: “Ngaba ndinguThixo ngoku? Ndingabulala kakade, okanye ndiphilise? Ngani ke ukuba lo mfo andithumelele umntu ekufuneka anyangwe iqhenqa? Kucacile ukuba lo mfo uzama ukuqhwaya udushe!”