2 Kings 5:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, akuba evile u‐Elisha, indoda katixo, ukuba ukumkani wo‐Sirayeli uṙazule izivato zake, waza watuma kukumkani, ukuti: Kunganina ukuba uziṙazulile izivato zako? makeze ke kum, waeya kukwazi ukuba kuko umprofite kwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva uElisha, umfo wakwaThixo, ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule iingubo zakhe, wathumela kukumkani wathi, Uzikrazulele ntoni na iingubo zakho? Makeze kum, azi ukuba kukho umprofeti kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uElisha, indoda kaTHIXO oyinyaniso wevayo ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela umyalezo kukumkani, esithi: “Kutheni ukrazula nje izambatho zakho?” makeze kum kaloku, azi, ngokuba kukho umprofeti kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uElisha umfo wakwaThixo uthe akuva ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela kuye esithi: “Ngani ukuba ude ukrazule izambatho zakho? Loo mntu mthumele apha kum; uya kutsho aqonde ukuba ukho umshumayeli kwaSirayeli.”