2 Kings 6:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ukumkani wo‐Sirayeli watumela endaweni eyabimxelele indoda katixo yamyala ngayo, wazilondoloza kona, bekungekanye, bekungekabini kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke ukumkani wakwaSirayeli wathumela kwindawo awayemyalele ukuba alumkise kuyo umfo kaTHIXO oyinyaniso, amgcine khona, kungekhona kanye okanye kabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wayijonga loo ndawo yayikhonjwa ngumfo wakwaThixo. Kwaba kaninzi uElisha elumkisa ukumkani, waza ke wahlala eyilumkele loo migibe.