2 Kings 6:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Hambani, nibone apo akona, ukuze nditume ndimtabate. Kwaza kwaxelwa kuye, kusitwa: Nankuya e‐Dotane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumele, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona, ndimbize. Waxelelwa kwathiwa, Khangela, useDotan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wakwa-Aram ke wathi: “Hambani niye kumjonga apho akhoyo, ukuze ndithumele amadoda aye kumbamba.” Ke ilizwi labuya lisithi: “Nanko eDotan.”