2 Kings 6:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wavuka kusasa umkonzi wendoda katixo, wapuma ke; kekaloku nantsiya impi isingqonga isixeko, kwa namahashe nenqwelwana. Wandula umfana wayo wati kuyo: Au, nkosi yam! sesiya kuti nina ke?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa umkhonzi womntu kaTHIXO oyinyaniso wavuka ekuseni waza waphuma, wabona umkhosi ujikeleze isixeko unamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umlungiseleli wakhe kuye, Oh! siza kwenza ntoni?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sithe ke sakuvuka isicaka somfo wakwaThixo, ekuseni ngentsasa elandelayo, sabona kuthe thinte umkhosi, ingamahashe neenqwelo, isixeko usingqingile. Isicaka sathi kuye: “Yaz'ba siya kuthini na, nkosi yam?”