2 Kings 6:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, bakufika e‐Samariya, wandula wati u‐Elisha: Yehova! vula amehlo aba bantu, ukuze babone. Waza uyehova wavula amehlo abo, bada babona; kekaloku naba ke pakati kwe‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona.Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakufika kwaSamari, uElisha wathi: “Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. uYehova wawavula amehlo abo, babona; nanko bekwaSamari.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathe ke bakungena esixekweni, uElisha wathi: “Ndikhoyo, wavule amehlo aba bantu, babone.” Wawavula ke uNdikhoyo amehlo abo, bazibona ke ukuba baphakathi eSamariya.