2 Kings 6:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wati: Akuyi kubabeta: unga ubeta na abo ubatimbileyo ngeṙele lako nangesipeta sako? beka isonka namanzi pambi kwabo, ukuba badle basele nokusela, baye enkosini yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Uze ungabaxabeli. Obathimbileyo ngekrele lakho nesaphetha sakho ubungabaxabelayo na? Beka isonka namanzi phambi kwabo, badle, basele, bahambe, baye enkosini yabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Musani ukubohlwaya; Ngaba uyathanda ukubabulala abathinjwa bakho ngekrele lakho nangobutshaba bakho? ubeke isonka namanzi phambi kwabo, badle, basele, baye enkosini yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula wathi uElisha: “Hayi, sukubabulala! Kaloku ukuba ububathimbe ngekrele nesaphetha ngewungababulali. Banike ukutya namanzi, batye basele, bagoduke baye enkosini yabo.”