2 Kings 6:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KODWA bekute emva kwoko, ukuba u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya wahlanganisa wonke umkosi wake, wenyuka, wavingcela i‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uBhen-hadadi ukumkani wakwa-Aram wawuhlanganisa ndawonye wonke umkhosi wakhe wamajoni waza wenyuka waya kungqinga iSamariya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mzuzwana emva koko uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram wawuhlanganisa umkhosi wakhe uphela, waza waya kungqinga iSamariya.