2 Kings 6:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati ukumkani kuye: Unandawo nina? Wayesiti: Umfazi lo wati kum: Nika unyana wako, ukuba sitye yena namhla, nonyana wam siya kumtya ngomso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuyo, Uhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndinike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuye, Ukhathazwa yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Khupha unyana wakho, simdle namhla, sidle unyana wam ngomso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza wambuza wathi: “Ingxaki yakho yintoni?” Umfazi lowo waphendula wathi: “Lo mfazi uthe mandincame unyana wam simtye, ukuze ngemini elandelayo sitye owakhe unyana.