2 Kings 6:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo sampeka unyana wam, samtya ke: ndaza ndati kuye ngomnye umhla: Nika unyana wako, ukuba simtye; kodwa waselezimeza unyana wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngengomso, Khupha unyana wakho, simdle; wamngcwaba unyana wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke sampheka unyana wam, samtya. Ngomhla olandelayo ke, ndithe ndakuthi kuye makeze nonyana wakhe simtye, suka wamfihla.”