2 Kings 6:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuva ukumkani amazwi alomfazi, waṙazula izivato zake, nxa abedlula pezu kwodonga; baza babona abantu ukuba nantsi intlakantlaka ipezu kwenyama yake kwa pakati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuweva ukumkani amazwi entokazi leyo, wazikrazula iingubo zakhe; wayedlula phezu kodonga. Bakhangela abantu, nanko eneengubo ezirhwexayo ngaphantsi kwezinye enyameni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe akuweva ukumkani amazwi entokazi leyo, wazikrazula iingubo zakhe; wadlula eludongeni, kwaye abantu bayibona loo nto, babona ukuba unxibe ilaphu elirhabaxa enyameni yakhe ngaphakathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva loo mbali ukumkani wasuka wazikrazula izambatho zakhe. Bathi bakumjonga abantu ehamba apho eludongeni, bafumanisa ukuba emzimbeni unxibe ezirhwexayo.