2 Kings 6:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Elisha wahlala endlwini yake, nabadala bebehleli naye; waza ukumkani wasusa indoda ebusweni bake; kodwa singekafiki isigidimi kuye, wati kubadala: Niyabona na okokuba lonyana wombulali utumele ukunqumla intloko yam? kangelani, nxa sifika isigidimi, valani ucango, nisitya̔lele pandle elucangweni; isandi senyawo zenkosi yaso asisemva kwaso na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UElisha ke ubehleli endlwini yakhe, namadoda amakhulu ebehleli naye. Ukumkani wathuma indoda ebusweni bakhe.Engekafiki umthunywa lowo kuye, wathi yena kumadoda amakhulu, Niyabona na, ukubo lo nyana wombulali uthumele ukuba ndisuswe intloko? Niyabona, akufika umthunywa lowo, luvaleni ucango, nimtyhale ngocango; naso isingqi seenyawo zenkosi yakhe sisemva kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uElisha wayehleli endlwini yakhe, namadoda amakhulu ehleli naye; Ukumkani wathuma umthunywa ukuba amkhaphele; akafika umthunywa lowo kuye, wathi kumadoda amakhulu, Niyabona na, ukubo unyana walo mbulali uthumele ukuba ndithabathe intloko? Niyabona, akufika umthunywa lowo, luvaleni ucango, nilugcine ucango; Isandi seenyawo zenkosi yakhe asisemva kwayo na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uElisha wayesendlwini yakhe, ehleli namadoda amakhulu. Ukumkani wathumela isigidimi, kodwa sathi singekafiki uElisha wathetha namadoda amakhulu lawo, wathi: “Kanti aniboni, naso esi sigwinta sithumela umntu ukuba andinqumle intloko! Niyabona ke, ze nithi sakufika eso sigidimi niluvale ucango, niluqinise, singabi nako ukungena. Kaloku izingqi zenkosi yaso nazo emva kwaso.”