2 Kings 6:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku xeshekweni omnye abewisa umqadi, yati intsimbi yeyela emanzini; waza wakala, wati: Au, nkosi! ngokuba ibibolekiwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, omnye ewisa umqadi, intsimbi yeyela emanzini;wakhala, wathi, Yoo, nkosi yam! ibibolekiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa xa omnye wayegawula umthi, izembe lawela emanzini, waza wadanduluka wathi: “Owu! ngokuba libolekiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Omnye wabo uthe esagawula umthi, suka lapoqa izembe lakhe, le ndawo iyintsimbi yatshona emanzini. Wakhala watsho ebhekisa kuElisha: “Awu, ibingelilo nelam, belibolekiwe!”