2 Kings 7:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka eza, abiza kumgcinisango wesixeko, ashumayela kubo, esiti: Kaseza emnqubeni wama‐Siriya, kekaloku bona ke, bekungeko kona namntu, nelizwi labantu, kodwa amahashe ebotshelelwe, namaqwaṙashe ebotshelelwe, nentente njengokuba zibe zinjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifike eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza, babiza abalindi besango lomzi, babaxelela, bathi, Sifikile eminqubeni yama-Aram, sabona ukuba akukho bani khona, kungekho nazwi lamntu, ingengamahashe axhobileyo, nabamahashe iimazi zamaesile neentente zinjengoko bezinjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ahamba ke, afika abiza abalindi bamasango, abaxelela athi: “Besiye phaya kwikampu yamaSiriya, saza safika kungekho nalo mnye umntu khona. Hayi, akukho nesandi esi somntu khona! Into ekhoyo ngamahashe, needonki ezibotshelelweyo. Iintente zisenjengoko bezinjalo nazo.”