2 Kings 7:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wesuka ukumkani ebusuku, wati kuzo izicaka zake: Ndonixelela kambe into ayenzileyo kuti ama‐Siriya. Ayakwazi ukuba silambile; ngako apumile emnqubeni ukuya kuzimela endle, esiti: Nxa bapumileyo esixekweni, sobabamba behleli, singene esixekweni ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzimela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Bayazi ukuba kutheni silambile; Aphuma ke eminqubeni, aya kuzimela ezweni, esithi, Ukuba bathe baphuma kuwo umzi, sowabamba behleli, singene kuwo umzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wavuka ebusuku njalo, wathetha namaphakathi akhe, wathi: “Nantsi into asenze yona ama-Aram. Ayazi ukuba siyalamba, ngoko ke ayishiyile ikampu yawo, aya kuzimela emaphandleni, esithi: ‘Xa bephuma esixekweni siya kubabamba bephila, size ke sisifikele isixeko.’ ”