2 Kings 7:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kutatyatwa amahashe enqwelo ezimbini; waza watuma ukumkani emva kwomkosi wama‐Siriya, esiti: Hambani nibone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathatyathwa iinqwelo ezimbini zokulwa ezinamahashe, waphuthumisa ukumkani emva komkhosi wama-Aram, wathi, Hambani niye kubona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathabatha amahashe okulwa amabini; Ukumkani wawasukela ama-Aram, wathi, Hambani niye kubona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke bakhetha iinqwelo ezimbini namahashe azo, waza ukumkani wazithumela ekhondweni lomkhosi wama-Aram, esithi: “Hambani niye kuqonda ukuba kuhle ntoni na.”