2 Kings 7:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ukumkani walipatisa iduna, elo wayama pezu kwesandla salo, pezu kwesango; baza abantu balinyatela esangweni, lada lafa, njengokuba ibitetile indoda katixo, eyatetayo nxa ukumkani wehlela kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wamphathisa isango umphathi-mkhosi abesayama esandleni sakhe. Bamnyathela abantu esangweni, wafa, njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo, owathetha ekuhleni kokumkani, esiza kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wammisa ukumkani owayesayame esandleni sakhe, ukuba alawule isango; Bamnyathela abantu esangweni, wafa, njengoko watshoyo umfo wakwaThixo, ekuhleni kokumkani, esiza kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani wamisa elaa phakathi wayethembele ngalo, lajongana nesango. Kambe ke abantu balixovula ngenyawo apho esangweni, laza lafa ngokomlomo womfo wakwaThixo, xa wayethetha nokumkani ngokuya wayeze endlwini yakhe.