2 Kings 7:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ke njengokuba indoda katixo ibitetile kukumkani, isiti: Kuya ku tengiswa izilinganiso zibini zeṙalasi ngeshekele, nesilinganiso somgubo ocolekileyo ngeshekele, malunga nelixesha langomso, esangweni le‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwenzeka ke njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo kukumkani, esithi, Iiseha ezimbini zerhasi zoba zezeshekele, iseha yomgubo ocoliweyo yoba yeyeshekele, eli xa ngomso, esangweni lakwaSamari;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha umfo wakwaThixo oyinyaniso kukumkani, wathi: “Ngomso, ukuba kunjalo, imilinganiselo emibini yerhasi ngeshekele, neseha yomgubo ocolekileyo ngeshekele, yoba sesangweni laseSamariya ngeli xesha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwenzeke kanye ngokokuthetha komfo wakwaThixo xa wayethetha nokumkani esithi: “Malunga neli xesha ngomso esangweni leSamariya iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa noba ziikhilogram ezintandathu zerhasi zothengiswa ngesiliva enye kuphela.”