2 Kings 7:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Laye iduna elo beliyipendula indoda katixo, lati: Bona ke, uyehova esenza izituba ezulwini nje, ibingabako lento na? Yaza yati: Bona ke, uya kuyibona ngamehlo ako, kodwa akuyi kutya kokwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze amphendule umphathi-mkhosi lowo umfo wakwaThixo, esithi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Ukuze athi ke yena, Khangela, uya kuyibona ngamehlo akho, ungadli kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indoda leyo yamphendula umfo wakwaThixo oyinyaniso, yathi, Yabona, ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na into enjalo? Wathi yena, Khangela, uya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli ngayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iphakathi elo ke lalithe apho kuloo mfo wakwaThixo: “Noba uNdikhoyo ebengade enze iifestile ezulwini ibingenakuze yenzeke into enjalo.” Umfo wakwaThixo yena wayethe: “Le nto ndiyithethayo ke uya kuyibona ngala wakho amehlo, kambe ke kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho.”