2 Kings 7:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Laza iduna, owayama ukumkani pezu kwesandla salo, lapendula indoda katixo, lati: Bona ke, uyehova esenza izituba ezulwini nje, ibingabako lento na? Yayisiti: Bona ke, uya kuyibona ngamehlo ako, kodwa akuyi kutya kokwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamphendula umfo wakwaThixo umphathi-mkhosi, abesayama esandleni sakhe ukumkani, wathi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Wathi yena, Khangela, uya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamphendula umfo wakwaThixo omnye umntu, abesayama esandleni sakhe ukumkani, wathi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Wathi yena, Khangela, uya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli ngayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke iphakathi awayethembele ngalo ukumkani lathi apha kumfo wakwaThixo: “Unotshe! Soze yenzeke into enjalo, nditsho nokuba uNdikhoyo ebenokwenza iifestile ezulwini.” UElisha waphendula wathi: “Le nto ndiyithethayo uza kuyibona ngala wakho amehlo, kambe kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho!”