2 Kings 7:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba siti: Siya kungena esixekweni, indlala isesixekweni ke, sasiya kufa kona; nokuba sihlala apa, siya kufa kanjalo: ngako kaloku, hambani, sipongomele emkosini wama‐Siriya; ukuba ayasilondoloza ebomini, siya kubudla ubomi; nokuba ayasifisa, siya kufa kodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba sithe, masingene kulo mzi, kukho indlala kuwo umzi lo, siya kufa khona; ukuba sithe sahlala apha, siya kufa. Kaloku ke masihambe, sizilahlele emkhosini wama-Aram. Ukuba athe asisindisa, sodla ubomi; ukuba athe asibulala, hayi ke, siya kufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba sithe, Masingene kulo mzi, kuya kubakho indlala kuwo umzi lo, siya kufela khona; ukuba sithe sahlala apha, siyafa. Khawuze siwe phambi kwemikhosi yama-Aram; ukuba asigcina siphila, sodla ubomi; nokuba bayasibulala, siya kufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba sithi: ‘Masingene esixekweni,’ yindlala yodwa khona, siya kufa. Noba singade sihlale apha, siza kufa. Ngoko ke masiwelele kwikampu yama-Aram, sizinikele kuwo. Ukuba asisindisile, sophila ke; ukuba kanti athe asibulala, sifile ke.”