2 Kings 7:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba inkosi ibivisile umkosi wama‐Siriya intlokoma yenqwelo, nentlokoma yamahashe, intlokoma yempi enkulu; andula ati omnye kwomnye: Bona ke, ukumkani wo‐Sirayeli ubaqeshile ngakuti okumkani bama‐Hete, nokumkani bama‐Jipete, ukusizuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba iNkosi yayiwenze umkhosi wama-Aram ukuba uve isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, nesandi sempi enkulu.Bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wamaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHeti nookumkani bamaYiputa, ukuba basiwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uYehova wawuvisa umkhosi wama-Aram isandi seenqwelo zokulwa, nesandi samahashe, nesandi somkhosi omkhulu; bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wakwaSirayeli usiqeshele ookumkani ukuba balwe nathi amaHeti nookumkani baseYiputa baya kusihlasela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku *uNdikhoyo ama-Aram lawo wawenza eva isandi seenqwelo namahashe, kwaba ngathi kuza umkhosi omkhulu. Ngoko ke athetha-thethana athi: “Niyabona ukumkani wakwaSirayeli uqeshe ookumkani bamaHiti nookumkani baseJiputa ukuze basihlasele.”