2 Kings 7:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo amaleperi la eza esipelweni somnquba, angena ententeni, atya asela nokusela, asusa kona isilivere, negolide, nezivato, aya azifihla; aza abuya eza, angena kwenye intente, asusa nakona, aya afihla kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha khona isilivere negolide neempahla, aziqhusheka; wabuya wangena kwenye intente wayithatha wemka wayifihla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo madoda ayeneqhenqa ke afika emacaleni ekampu leyo, aza angena kwenye yeentente ezo. Hayi ke, azenzela atya, asela, ade aziphathela isiliva, igolide, nempahla yokunxiba, emka nazo, aya kuzifihla. Aphindela abuyela kwenye intente, nalapho azithathela izinto, aya kuzifihla nazo.