2 Kings 8:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Elisha ebetetile kumfazi lowo unyana wake abembuyisele ekudliweni kwobomi, esiti: Suka, uhambe wena nendlu yako, uye upambukele apo ungapambukela kona: ngokuba uyehova ebizile indlala; kanjako iya kuza elizweni iminyaka esixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke, uElisha wayethethile kwintokazi leyo, wayephilise unyana wayo, esithi, Suka uhambe, wena nendlu yakho, uphambukele apho ungaphambukela khona; ngokuba uYehova ubize indlala; kananjalo iya kulifikela ilizwe iminyaka esixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha ke uElisha kwintokazi eyamvusayo unyana wakhe, wathi, Vuka, uhambe, wena nomzi wakho, uye kuphambukela apho ungaphambukela khona; ngokuba uYehova ubize indlala; kwaye uya kuza ehlabathini kwiminyaka esixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uElisha wayethethe nalaa mfazi wayephilise unyana wakhe, wathi: “Khawuhambe uye kuzifunela indawo yokuhlala noba kuphi na apho ungayizuza khona, ze ukhe uthi chu khona okwexeshana, kuba *uNdikhoyo umisele imbalela eya kuthatha iminyaka esixhenxe kulo mhlaba.”