2 Kings 8:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Hazayeli: Ililela nina inkosi yam? Yati ke: Ngokuba ndibazi ububi oya kubenza elusatsheni luka‐Sirayeli: inqaba zalo wozilahlela emlilweni, namadodana alo wowabulala ngesiṙele, nentsatshana zalo wozityumza, nabamitiyo balo wobaqangqulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uHazayeli, Ililelani na inkosi yam? Wathi, Kungokuba ndibazi ububi oya kubenza koonyana bakaSirayeli; uya kuzitshisa ngomlilo iinqaba zabo, uwabulale amadodana abo ngekrele, ubatyumze abantwana babo, ubaqangqulule abafazi babo abamithiyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uHazayeli, Ililelani na inkosi yam? Waphendula wathi, Kungokuba ndibazi ububi oya kubenza koonyana bakaSirayeli; nomntwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngani ukuba ulile, nkosi yam?” ubuzile uHazayeli. “Ndililiswa kukuqonda umonakalo oya kuwenza kumaSirayeli,” uphendule watsho uElisha. “Ewe, wena uya kuzitshisa iinqaba zawo, abafana ubangenele ngekrele, uze abantwana ubaqhumze emhlabeni, ke bona abafazi abakhulelweyo ubagrabhuze.”