2 Kings 8:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Hazayeli: Kodwa siyinto nina isicaka sako, siyinja na, ukuba siyenze lento inkulu? Wati u‐Elisha: Uyehova undibonisile ukuba wena woba ngukumkani pezu kwe‐Siriya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uHazayeli, Uyintoni na umkhonzi wakho, eyinja nje, ukuba ade enze loo nto ingako? Wathi uElisha, UYehova undibonisile, ukuba uya kuba ngukumkani wakwa-Aram wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uHazayeli, Uyintoni na umkhonzi wakho, ndiyinja nje, ukuba ndenze into enkulu kangaka? Wathi uElisha, uYehova undibonisile, ukuba uya kuba ngukumkani wakwa-Aram yena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHazayeli uphendule wathi: “Kuxa ndingubani, ndiyinja nje, ukuba ndide ndenze into enjalo?” UElisha waphendula wathi: “UNdikhoyo undityhilele ukuba wena uza kuba ngukumkani wakwa-Aram.”