2 Kings 8:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ngomnyaka wesihlanu ka‐Yorame unyana ka‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, nxa u‐Yehoshafate ebengukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Yehorame unyana ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ngomnyaka wesihlanu kaYehoram, unyana ka-Ahabhi ukumkani wamaSirayeli (uYehoshafati engukumkani wamaYuda), waba ngukumkani uYehoram, unyana kaYehoshafati ukumkani wamaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesihlanu kaYoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wakwaSirayeli, uYehoshafati engukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYoram, unyana kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngonyaka wesihlanu uYoram unyana ka-Ahabhi engukumkani wakwaSirayeli, uYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli waqalisa ukulawula kwaJuda.