2 Kings 8:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova ebengavumi ukutshabalalisa o‐Juda, ngenxa ka‐Davide isicaka sake: njengokuba ebetshilo kuye, ukuba uya kunika isibane kuye, na konyana bake, amaxesha onke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Noko uYehova ebengavumi ukulonakalisa elakwaYuda, ngenxa kaDavide umkhozi wakhe; njengoko wathethayo kuye, wathi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uYehova ebengafuni ukumtshabalalisa uYuda, ngenxa kaDavide umkhonzi wakhe, njengoko wathethayo kuye, wathi, uya kusoloko emkhanyisela yena noonyana bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke, ngenxa yesicaka sakhe uDavide, uNdikhoyo akamtshabalalisanga uJuda. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.