2 Kings 8:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yorame wagqitela e‐Tsahire, nazo zonke inqwelwana kunye naye; waselesuka ebusuku, wabeta ama‐Edome abengqonga, nenkosi zenqwelwana; baye abantu besabela ezintenteni zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zonke zokulwa.Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; basaba abantu, baya ezintenteni zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; asaba amadoda, aya ezintenteni zawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uYehoram waya eZayira nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku, waphuncuka. Ke wona umkhosi wakhe wabaleka wagoduka.