2 Kings 8:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamibini u‐Ahaziya ubudala bake, akuba ngukumkani; ubungumnyaka mnye wapata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina lalingu‐Hataliya, intombi ka‐Omri ukumkani wo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhaziya ebeminyaka imashumi mabini namibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba mnyaka mnye engukumkani eYerusalem.Igama lonina libe linguAtaliya, intombi kaOmri ukumkani wamaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhaziya ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguAtaliya, intombi kaOmri, ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqalisa ukulawula xa aneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri ukumkani wakwaSirayeli.