2 Kings 8:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wabuya u‐Yorame ukumkani ukuya kupoliswa e‐Yezerele emanxebeni abewenzelwe ngama‐Siriya e‐Rama, ekulweni kwake no‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya. Waza wehla u‐Ahaziya unyana ka‐Yehorame ukumkani wo‐Juda, ukuya kubona u‐Yorame unyana ka‐Ahabi e‐Yezerele, ngokuba ebesifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya uYoram ukumkani, waya kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumanayo kuma-Aram eRama, ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wehla uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda, esiya kumbona uYoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebengxwelerhiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uYoram wabuyela eYizereli, ukuba anyangwe loo manxeba wawafumanayo kuma-Aram eRama, ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wehla uAhaziya, unyana kaYoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke yena waya eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram eRama kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Ke uAhaziya unyana kakumkani uYehoram wakwaJuda wehla waya eYizereli, esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.