2 Kings 8:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, nxa abemxoxela ukumkani okokuba ebebuyisele ekudliweni kwobomi umntu ofileyo, bona ke, lomfazi, onyana wake abembuyisele ekudliweni kwobomi, wakala kukumkani ngenxa yendlu yake, nangenxa yomhlaba wake. Wandula wati u‐Gehazi: Nkosi yam, kumkani! nguye lo umfazi, nguye lo nonyana wake owabuyiselwa ekudliweni kwobomi ngu‐Elisha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, esamxelela ukumkani ukuphilisa kwakhe umntu owayeselefile, kwabonakala laa ntokazi, abephilise unyana wayo, izibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani. Wathi uGehazi, Nkosi yam, kumkani, yiloo ntokazi ke le, nguloo nyana wayo waphiliswayo nguElisha ke lo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye xa wayexelela ukumkani indlela awasibuyisela ngayo ebomini isidumbu, khangela! Wathi uGehazi, Nkosi yam, kumkani, yilaa nkazana iphilisileyo uElisha nonyana wayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uGehazi esachubela ukumkani indlela uElisha awayebaphilisa ngayo nabafileyo, suka umfazi lowo waphiliselwa unyana wakhe nguElisha, wangena, eze kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo. UGehazi ke wathi: “Tyhini, nanku loo mfazi, mhlekazi kumkani! Naloo nyana wakhe wavuswa efile nguElisha, nguye lo.”