2 Kings 8:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wambuza umfazi, wati yena wamxoxela. Wandula ukumkani wammisela umbusi, esiti: Buyisa konke okube kukokwake, nazo zonke imveliso zomhlaba, kwa semhleni wabeshiya ilizwe kwada kwakaloku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayibuza ukumkani intokazi leyo; yamxelela. Ukumkani wayinika umbusi othile, wathi, Yibuyisele zonke izinto zayo, nokutya konke kwentsimi yayo, kuthabathela kwimini eyemka ngayo kweli lizwe, kuzise nakweli xesha langoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayibuza ukumkani intokazi leyo; Ukumkani wammisela omnye umphathi, wathi, Buyisa yonke impahla yakhe, neziqhamo zonke zentsimi, oko walishiya ilizwe unangoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ke walanda loo ngcombolo apho kuye, waza ke wamchazela. Ngoko ke ukumkani wamnikezela kwesinye isicaka, wathi kuso: “Nika lo mfazi yonke into eyeyakhe, ndawonye nengeniso yomhlaba wakhe ukusukela kumhla walishiya eli lizwe kude kube namhlanje.”