2 Kings 8:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waya u‐Elisha weza e‐Damakusi, nxa u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya ebesifa; kwaza kwaxelwa kuye, kusitwa: Indoda katixo ifikile apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza uElisha eDamasko. UBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, waye esifa. Kwathiwa kuye, Umfo wakwaThixo ufikile apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uElisha wafika eDamasko; yaye uBhen-hadadi ukumkani wakwa-Aram wayegula; Kwathiwa, Umfo wakwaThixo uze apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UElisha ke waya eDamasko, wafika uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram egula. Uthe ke ukumkani lowo akuva kusithiwa: “Umfo wakwaThixo nanko efika apho,”