2 Kings 8:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wahamba u‐Hazayeli waya kuyikaulela, watabata ibaso esandleni sake, kwa zonke izinto ezilungileyo zase‐Damakusi, umtwalo wenkamela ezimashumi mane; wayesiza wema ebusweni bayo, wati: Unyana wako u‐Bene‐hadadi, ukumkani we‐Siriya, unditumile kuwe ukuti: Ndiya kupila na kwesisifo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHazayeli waya kumkhawulela, waphatha umnikelo ngesandla sakhe, nento yonke elungileyo yaseDamasko, imithwalo yeenkamela ezimashumi mane. Waya, wema phambi kwakhe, wathi, Unyana wakho uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, undithumele kuwe, esithi, Ndiya kuphila na kwesi sifo ndinaso?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHazayeli waya kumkhawulela, wathabatha izipho zonke ezilungileyo zaseDamasko, ubunzima beenkamela ezimashumi mane, weza, wema phezu kwakhe, wathi, Unyana wakho uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, undizisile eya kuwe. Wayethunywe ukuba athi: Ngaba ndiya kuphila kwesi sifo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHazayeli ke wahamba, waya kuhlangabeza uElisha, emphathele zonke iindidi zemveliso yaseDamasko, zingumthwalo okwiinkamela ezimashumi mane. Waya kuma phambi kwakhe, wathi: “Unyana wakho uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram undithume ukuba ndize kubuza ukuba ngaba wophila na kwisifo esimbambileyo!”