2 Kings 9:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jehu wapumela kuzo izicaka zenkosi yake; kwaza kwatiwa kuye: Kulungile na? ebezela nina kuwe elogeza? Wayesiti kuzo: Niyayazi indoda leyo, nokuteta kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa nini, kwanokuthethathetha kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Usahleli kakuhle na? kutheni ize kuwe lendoda iphambeneyo? Wathi kubo, Niyamazi nina loo mntu nelizwi lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba ke uYehu ebuyele kwiingqwayi-ngqwayi zenkosi yakhe, enye yazo yabuza yathi: “Ngaba zime kakuhle na zonke izinto? Belifuna ntoni eli geza apha kuwe?” UYehu waphendula ngelithi: “Hayi, niyamazi lo mfo nezinto adla ngokuzithetha!”