2 Kings 9:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko zati: Uyaxoka; sixelele kambe. Wayesiti: Njengokunje nanjengokunje yateta kum, isiti: Utsho uyehova ukati: Ndikutambisile ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Uthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ke bona, Bubuxoki; Wathi, Wenjenje ukuthetha kum, wathi, uYehova wathi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oogxa bakhe baphendula bathi: “Uyasiqhatha. Khawusixelele inyaniso; ubesithini?” UYehu wathi: “Hayi ke, nantsi into ayithethileyo: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ ”