2 Kings 9:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Jehu, unyana ka‐Yehoshafate, unyana ka‐Nimshi, wenza ingcebiswano ngakuye u‐Yorame. (Kekaloku u‐Yorame wabegcina i‐Ramote yase‐Gileyadi, yena no‐Sirayeli bonke, ngenxa ka‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wagwilika kuYoram. (uYoram wayeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena naye wonke uSirayeli, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi wenzela uYoram iyelenqe. UYoram naye wonke uSirayeli babehlanganisela iRamoti yaseGiliyadi eyayihlaselwa nguHazayeli ukumkani wama-Aram,