2 Kings 9:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ebebuyile u‐Yorame ukumkani ukuya kupoliswa e‐Yezerele emanxebeni abewenzelwe ngama‐Siriya ekulweni kwake no‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya.) Wayesiti u‐Jehu: Ukuba kungumxe̔lo wenu, makangapumi osindileyo esixekweni ukuya kushumayela oku e‐Yezerele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uYoram wabuyela eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuye ama-Aram, ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani wakwa-Aram ilizwe alisindi umzi ekuthethwe ngawo eYizereli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kodwa ke uYoram wabuyela eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. UYehu wathi: “Ukuba siyavana sukuvumela mntu aphume apha esixekweni aye kuxela iindaba eYizereli.”