2 Kings 9:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wakwela u‐Jehu enqwelwaneni, wahambela e‐Yezerele; ngokuba u‐Yorame ebelele kona. Kanjalo u‐Ahaziya ukumkani wo‐Juda ebehlile ukuza kumbona u‐Yorame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ubelele khona. Wehla uAhaziya, ukumkani wakwaYuda, esiya kubona uYehoram.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wangena enqwelweni yakhe ke, waya eYizereli, kuba uYoram wayelele khona. Ke naye uAhaziya ukumkani wakwaJuda wayeye kumbona.