2 Kings 9:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku umlindi ebemi pezu kwenqaba e‐Yezerele, owabona isihlwele sika‐Jehu ekuzeni kwake, wati: Ndiyabona isihlwele mna. Waza wati u‐Yorame: Tabata umkweli, umtume ukuya kubakaulela, aze ati: Luxolo na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umbulali wayemi phezu kwenqaba yaseYizereli ekhangele isihlwele sikaYehu ekufikeni kwakhe, wathi: “Ndibona isihlwele. Wathi uYoram, Thabatha umkhweli wehashe, umthume ukuba aye kubakhawulela. Wathi, Luxolo na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke umlindi owayemi emboniselweni eYizereli, akubona uYehu esiza nomkhosi, wakhwaza wathi: “Nanko umkhosi usiza!” UYoram wathi: “Thumela umntu ngehashe aye kuwuhlangabeza, abuze athi: ‘Niza ngoxolo na?’ ”