2 Kings 9:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka waya umkweli wehashe ukumkaulela, wati: Utsho ukumkani ukuti: Luxolo na? Wayesiti u‐Jehu: Uxolo luyinto nina kuwe? jikela ngasemva kwam. Waxela umlindi, esiti: isigidimi seza kubo, kodwa asibuyi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waqubisana naye ekhwele ihashe, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Wajika emva kwam, watsho umlindi, wathi, Umthunywa ufike kubo, kodwa akabuyi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphuma loo mfo ngehashe, waya kuhlangabeza uYehu, wabuza wathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.” UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!” Umlindi waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa ke asibuyi.”